top of page

Imibuzo eqhele ukubuzwa
(ikakhulu ngabantwana)

Umbuzo: Yintoni eyenza abantu bahlukumeze abantwana?

Impendulo: Kwakhona ziliqela izinto ezibangela ukuba abantwana baxhatshazwe ngesondo, uninzi lwabenzi-bubi nabo bakhe baxhatshazwa yaye yonke le nto bahamba nayo bexhaphaza abanye abantu. Abanye abantu baneengxaki zokusela neziyobisi okanye iingxaki zemisindo. Into ebalulekileyo emasiyikhumbule yinto yokuba akulunganga ukuhlupha abantwana, kungeso sizathu kuyimfuneko ukuba sazise nabanye abantu, ukuze sincedakale.

 

Umbuzo: Yintoni eyenza abantu bacofa-cofe abantwana kumalungu abo angasese?

Impendulo: Kwakhona zininzi izizathu zokuba baxhaphaze abantwana, uninzi lwaba bantu baxhatshazwa nabo, kungenxa yesi sizathu kubalulekile nabo kuthethiwe ngabo, kuba nabo badinga uncedo banyangwe baphile bayeke ukuxhaphaza abantwana.

Umbuzo: Ndingenza njani ukuba akukho mntu ondimamelayo?

Impendulo: Ukuba uxelele umntu yaye yena angakukholelwa, nawe ke xelela omnye umntu, uhlale njalo uxelela abantu de kubekho okukholelwayo. ​

Umbuzo: Ukuba ndixelile, kuzokwenzeka ntoni?

Impendulo: Kuzakufuneka into yokuba kwenziwe ingxelo yokuba uyaxhatshazwa.Emveni koko, kufike umntu oza kuthetha nosapho lwakho. Mntu lowo uzakuqinisekisa ukuba ikhaya lakho likhuseleke ngokwaneleyo na ukuba wena ungahlala kulo okanye kumele uthathwe uyokuhlaliswa kwenye indawo apho ungafumana khona ukhuseleko, logama lo mntu ukuxhaphazayo efumana uncedo naye. ​

Umbuzo: Ndenze kanjani ukuba ndithe HAYI kodwa umxhaphazi angayeki?

Impendulo: Ukuba akeva xa usithi HAYI khwaza kakhulu khona ukuze umntu okuvayo akuncede okanye nabanye abantu kwakwalapha abanokukuva ukhwaza bakuncede. Ukuba akukho mntu, hamba uye kuxelela omnye umntu ngokukhawuleza uqonda ukuba ukhuselekile ukwenza oko. ​

Umbuzo: Ndenze kanjani ukuba umxhaphazi ugrogrisa ngokundilimaza okanye alimaze usapho lwam ukuba ndixelile?

Impendulo: Abantu abaxhaphaza abantwana abafuni abanye abantu bazi ukuba benza oko kangangokuba bangazama ukukoyikisa okanye bakoyikise ngelungu losapho lwakho, bathi kuwe ugcine iimfihlelo. Apha ke kufuneka ubenesibindi uxelele nomnye umntu ngengxaki yakho.

Umbuzo: Ndenze kanjani ukuba umxhaphazi lo ngu bhuti okanye usisi wam?

Impendulo: Xelela abazali bakho yaye ukuba abakuhoyi nabo, xelela nomnye umntu esikolweni okanye kuludwe lwabantu abakhankanyiweyo kuludwe esikhe saluxoxa.

Umbuzo: Bazakuchaphuka na ukuba ndixelile?

Impendulo: Ewe basenako ukucaphuka, kodwa nawe qina uxele konke khona ukuze abantu banqande ungenzakaliswa, ungaphathwa-phathwa ngaphantsi, kanti nabo abakuxhaphazayo oku iyakuba sisisombululo nakweyabo ingxaki.
 

Khuphela ukufundisa .pdf

Le nkqubo kunye nezingoma zibhalwe kwaye zanikwa ubomi ngu

Chrissy Sykes © 2017


Sponsor Stichting GetOn
Translations by : LOYISO GURA
Voice Over and Songs by @ZoyaSpeaks

 

bottom of page