top of page
Khuphela ukufundisa .pdf

Ingoma Yesibini  Ukuba Ayivakali ilungile
                                               -Ungayenzi !!

Iinjongo zalengoma:

1) Ukufundisa abantwana ukuba bamamele izimvo zabo.

Ixesha elininzi abantwana bayazi xa izinto zibenza bangaziva kakuhle okanye xa izinto zibenza bazive bengakhululekanga ngoko ke bafundise lo mthetho –
“Ukuba ayivakali ilungile – ungayenzi!”

 

2) Ukuthetha ngengcinezelo yoontanga

Xelela abantwana ngeentlobo zeemeko ezibandakanya ucinezelo ngoontanga bakhe abakwangabahlobo babo oluye lwenzeke esikolweni okanye ekhayeni – bezama ukubathundeza ekwenzeni izinto abazaziyo ukuba azilunganga kwaye uphinde ubandakanye ukusetyenziswa kweziyobisi kulencoko.
“Ukuba ayivakali ilungile – ungayenzi!”
 

3)Ukunceda abantwana ngokubaxhobisa ngemiba ephathelene nemizimba yab

Abantwana kufuneka bayazi ukuba imizimba yabo yeyabo kwaye ukuba izinto zibenza bangazivi bekhululekile, banalo ilungelo lokuthi ‘Hayi andifuni ukuyenza lonto’ –
“Ukuba ayivakali ilungile – ungayenzi!”

 

Lengoma izakuvula ithuba lokuba esisihloko semizwa sinconkolwe, nantsi imizekelo yemizwa:Ukonwaba, Unxunguphalo, Ukuziva uwedwa, Ukucaphuka, Ukoyika

 

Kwakhona, ungadlala umdlalo obonisa ubuso obonwabileyo, ubuso obunxungupheleyo, ubuso obunomsindo, iimbuso ezihlekisayo okanye ungathi mabazobe ubuso obubonisayo ukuba bona baziva kanjani emizweni yabo. Uninzi lwabantwana bavakalisa izimvo zabo ngokukhululekileyo xa bezoba kunokuthetha ngomlomo.
 

Itekisi ka Cynthie
Sizakuyonwabela kakhulu le ingoma ilandelayo,Inomyalelo omkhulu ekumele siwukhumbule. Lomyalelo uthi – Ukuba ayivakali ilungile – Ungayenzi! Wazi ke ukuba andithethi ngezinto ezifana nokwenza umsebenzi wakho wasekhaya owunikwe esikolweni, okanye ukucoca igumbi lakho loku lala. Ndithetha ngeemeko apho umntu aye azame ukuhamba nawe akuse endaweni naye kwaye nawe ube usazi ukuba asiyonto elungileyo leyo. Ukuba ayivakali ilungile, ungayenzi! Okanye ukuba umntu uzama ukwenzisa into ekwenza ungaziva ukhululekile. Ukuba ayivakali ilungile – Ungayenzi!
 

Ukuba Ayivakali ilungile- Ungayenzi (Amazwi engoma) 

 

Abantu bangakuphathaphatha bathi kulungile
Kodwa ukhumbule umzimba wakho ngowakho

Nguwe owaziyo okungavakali kulungile
Ukuba akuvakali kulungile, Ungakwenzi!
Ungakwenzi, Ungakwenzi
 

Kukh’ abantu phandl’ apha abath’ utholotholo
Bazame ukukunika iziyobisi
Bakwenze ungahambi isikolo
Bathi gcina imfihlelo

Kodwa uyazi omawukwenze
Ukuba ayivakali ilungile ungayenzi!
Ungakwenzi, Ungakwenzi!
 

Abantu bangakuxelele bayakhathala
Anditsho ukuba akukuhlanga ukwabelana

Kodwa uyayazi ngaphakathi kuwe ukuba akuvakali kulungile

Kwaye ukuba akuvakali kulungile Ungakwenzi Yevah!!

Ungakwenzi, Ungakwenzi


Hayi ukuba akuvakali kulungile, ungakwenzi, Yevah!!
Ungakwenzi, Ungakwenzi! 

Le nkqubo kunye nezingoma zibhalwe kwaye zanikwa ubomi ngu

Chrissy Sykes © 2017


Sponsor Stichting GetOn
Translations by : LOYISO GURA
Voice Over and Songs by @ZoyaSpeaks

 

bottom of page