top of page
Khuphela ukufundisa .pdf
Ukuba unengxaki

Ingoma yesine  Ukuba unengxaki

Iinjongo zalengoma:
Ukubethelela isiqhelo sokuxelela omnye umntu xa kukho ingxaki yaye ukuba akamameli uqhubekeke uyixela de kubekho ophulaphulayo.
 

Nika abantwana uludwe lwabantu abanokuthetha nabo xa benengxaki, umzekelo:
 

Umama
Utata

Umakhulu

Ubaw’omkhulu

Ubhuti

Usisi
Umakazi

Umalume

Utishala

Inqununu yesikolo

Ummelwane

Ipolisa

Umcebisi

Nceda wongeze koluludwe lwamagama nabani na obona ukuba kukhuselekile ukuba umntwana angathetha naye.

Ukuxelela abanye ngeengxaki zakho ingayeyona nto inzima ebantwaneni ngoba badla ngokufumana ubunzima ekubekeni cacileyo iingxako zabo, bambi babenoloyiko lokukwenza oko kuba bengazi Ukuba uzakuyibona njani le nto ayizise kuwe umntwana.

Xa sithethe nabantwana ngokuxela iingxaki zabo ebantwini, masiyivelele nento yokubalungiselela iimpendulo abanokuzifumana (Oku kubaluleke kakhulu kubantwana noko abasele bethe dlundlu)
 

a)Abantu abadala bangakhubeka, babenomsindo, bothuke okanye boyike
b)Basenokungamkholelwa umntwana
c)Bamtyityimbisela umnwe umntwana khona kuze angaxeleli namnye omnye umntu

 

Esona sifundo sibalulekileyo emasifunywane ngumntwana sesi sokubana ukuba ngaba omnye umntu akamkholelwa okanye akathabathi nxaxheba ekusombululeni ingxaki yakhe kufuneka umntwana aqhubekeke Ukuxelela Omnye Umntu de kubekho umntu omamelayo.
 

Imizwa:
Kubalulekile ukuba abantwana bazi ngendlela abanokuthi bazive ngayo xa behambisa iingxaki zabo kwabanye abantu. Naku okunobanceda:
 

a)Basenokuziva beneentloni – kodwa naleyo into ilungile

b)Usenokuswela amagama achanekileyo okuchaza imizwa yakhe, kodwa makazame kangangoko unako

c)Intliziyo ingabetha ngamandla kwanelizwi eli lingcangcazele – phemfumla ngamandla uze ke uthethe ngokucothayo

d)Ungakufumana kulula ukuthetha kancinane kancinane, oku ukwenza ngexesha leentsuku ezimbalwa

e)Kusenokuba lula ukuyibhala phantsi ingxaki yakho wandule ukuyidlulisela komnye umntu

Xelela abantwana bazame eyona ndlela ibenza bazive bekhululekile ukuze baxelele omnye umntu, yaye bangaphelelwa ngumonde wokuba baxele de kubekho ukumanyelwa ze bancedakale.
Xelela abantwana bazame eyona ndlela ibenza bazive bekhululekile ukuze baxelele omnye umntu, yaye bangaphelelwa ngumonde wokuba baxele de kubekho ukumanyelwa ze bancedakale.

Itekisi ka Cynthie
Kubalukekile ukuxelela umntu ukuba kukho mntu uthile okuvisa ubuhlungu okanye okuphatha kwiindawo zakho zangasese, nokuba uyoyika okanye unentloni kufuneka ubenesibindi kakhulu uxelele umntu.

Baninzi kakhulu abantu onokubaxelela, ooMama, ooTata, ooMakhulu, ooTatomkhulu, ooAntie, ooMalume, ooTishala, Abazala, Abamelwane, abazali bezihlobo zakho, amapolisa, oomongikazi kunye nabanye abaninzi abakungqungileyo.

Ngoku ke, ukuba uye waxela baze abantu bangakukholelwa, bade bathi kuwe yigcine iyimfihlelo – nakanjani wena hamba uyokuxelela omnye umntu. Ukuba nalowo akakhukholelwa, hamba uyokuxelela omnye umntu. Ukuba naye akakukholelwa – hamba futhi uyokuxelela omnye umntu kwaye uqhubekeke usenza njalo kude kubekho umntu okumamelayo. Ungaze noba sekutheni, unikezele.
 

Ukuba Unengxaki (Amazwi engoma)

Ukuba Unengxaki
Awazi Mawenzeni
Hamb’ oxelela umntu
Bade bakumamele
Kumele umfumane
Onokuphokoza ingxaka-ngxaka zakho kuye
Ukuba unengxaki

Fumana umntu ozakukumamela
 

Thetha noMama, okanye noTata
uMakhulu okanye uTatomkhulu naye
uAntie okanye uMalume okanye
uTishala esikolweni

Kumele uqhubekeke uxela kude kubekho okuvayo
Ukuba unengxaki
Fumana umntu ongamxelela
 

Ukuba kukho okuvise ubuhlungu
Awazi mawuye phi

Xelela umntu ade akumamele

Kumele umfumane onokuphokoza
ingxaka-ngxaka zakho kuye

Ukuba unengxaki
Fumana umntu ozakukumamela

Thetha nom-melwane wakho
Umkhokeli wakho esikolweni
Umntu omaziyo okanye omthembayo
Ukwabelana ngeengxaki sisinyanzelo
Qhubeka uxela kude kubekho okuvayo
Ukuba unengxaki
Fumana umntu ongayixela kuye
Ukuba unengxaki
Qhubeka bade bakumamele

Le nkqubo kunye nezingoma zibhalwe kwaye zanikwa ubomi ngu

Chrissy Sykes © 2017


Sponsor Stichting GetOn​
Translations by : LOYISO GURA
Voice Over and Songs by @ZoyaSpeaks

 

bottom of page