Ingoma yesithathu Umdlalo “Ungathini Ukuba”
Linjongo zalengoma:
Ukufundisa abantwana ukuba uHAYI bamthethe ngegunya
Lomdlalo “Ungathini ukuba” ungasetyenziswa nakuyiphi na imeko okrokela ukuba iyenzeka emntaneni. Sebenzisa lomdlalo ukuze unikeze iimpendulo kwimibuzo enzima yokuba bangaphuma njani na kwiimeko apho bebengenokwazi ukuba bebeyokuphuma kanjani na.
Imizekelo...
1.“Ungathini ukuba” umntu othile unkqonkqoza emnyango kwaye uwedwa ekhaya? Ungenza ntoni?
a) Ungaze uvule umnyango
b) Tsalela ummelwane okanye isizalwane umnxeba Ukuba lo mntu akemki
c) Tsalela amapolisa umnxeba Ukuba awufumani ncedo kwaye uyoyika
2.“Ungathini Ukuba”umgcini ntsapho uzama ukukucofa-cofa kumalungu akho angesese
a) Mxelele Ukuba HAYI ze emva koko uhambe uyokuxelela umntu
b) Sukuyigcina iyimfihlelo nokuba uyakucela ukuba ungayithethi
3.Ukuchazela abantwana ngomntu ongaziwayo
Ukuba ubuza abantwana ukuba yintoni na Umntu ongaziwayo – uyakufumanisa ukuba ufumana iimpendulo ezingamashumi amabini ezahlukileyo ezifana nezi:
a)Umntu ongaziwayo ngumntu ongalunganga
b) Ngumntu oyakukwenzakalisa
c) Ngumntu okunika iilekese
Abantwana banolwazi olungaphelelanga kwaye olungaphuhlanga xa kufikwa ku “bantu abangaziwayo” . Sifundisa abantwana ukuba :“Ungathethi nabantu ongabaziyo” “Ungangeni emotweni yomntu ongamaziyo”“Ungathathi iilekese kumntu ongamaziyo”
Kodwa...exesheni elininzi siyalibala ukubaxelela eneneni ukuba Yintoni Umntu Ongaziwayo? Lo ngumntu esingamaziyo.
Lo ingangumntu oyindoda okanye ibhinqa, angabangumntu omncinane okanye omdala. Angalulo naliphi na ibala okanye uhlanga.
Ayingabo bonke abantu abangaziwayo abangabantu abangalunganga, kwaye ukuba umntu omthandayo okanye omthembileyo angakwazisa kumntu ongamaziyo – lomntu lowo angaphela esisihlobo, KODWA...ngaphandle kokubana umntu omthandayo kwaye omthembileyo ukwazisile kulomntu ongaziwayo , wena awumelanga ukuba uthethe naye lomntu uwedwa.
Kwelixesha sikulo ledijithali (digital age) apho ulwazi ngabantwana kunye nabazali babo lufumaneka lula kwabo basebenzisa i-internet, oku kutsho ukuba kungalula kakhulu ukuwazi amagama osapho lomntwana, baze bazame ukumlinga umntwana lowo ekubeni ahambe nabo. Baxelele ukuba nokuba umntu wazi lukhulu ngabo, ukuba abamazi, lowo ngumntu ongaziwayo kwaye akumelanga bahambe naye.
Nika abantwana imizekelo yeendlela apho umntu ongaziwayo angabakhohlisa ngayo, umzekelo:
Umama wakho uthe ndikulande esikolwenii ngoba yena ushiywa lixesha Ndilahlekelwe lintshontsho lam le nja, ndicela uze uzondikhangelisa lona.
Ndifuna ukukubonisa into eyona enika umdla kwaye eyonwabisayo, ndiyakuthembisa ndizophinda ndikubuyisele apho ndikuthathe khona.
Omnye umthetho obalulekileyo kukuba ungazamkeli izipho ezisuka kumntu ongamaziyo – nokuba sihle kangakanani esosipho.
Itekisi ka Cynthie
Ngoku ke, sizokudlala umdlalo esiwubiza “Ungathini Ukuba” kwaye kulengoma sizakufunda ngokuba siye senze kanjani na xa umntu ongamaziyo ezama ukuba uhambe naye, okanye ukuba mntu uthile ezama ukukuchukumisa amalungu akho angasese.
Uyawazi ukuba amalungu akho angasese andawoni na? Zezindawo apho impahla yakho yangaphantsi okanye izikhindi zakho zigquma khona. Akekho umntu ofanele ukuba achukumise amalungu akho angasese ekusukeleni ebuncinaneni bakho, uMama noTata ngabo abanako ukukucoca kwezondawo, kodwa kungekudala nawe uzakufunda ukuzenzela lonto ngokunokwakho. Okanye mhlawumbi ukuba uyagula okanye uva iintlungu, Umama okanye uTata okanye uGqirha kungamele ukuba babeke iyeza khona, kodwa ngaphandle koko akekho omnye umntu ekumele achukumise amalungu akho angasese.
Sizakufunda ngokuba uye wenze kanjani xa umntu osekhayeni lakho okanye kusapho lwakho ukwenza ungaziva ukhululekile okanye uzama ukukuhlukumeza. Inye nje into ekumele uyenzile ku lo umdlalo, kukuba ukhwaze “HAYI” ngoko ke ndifuna ukhwaze ngokuzimisela kamnandi na kakhulu....
Umdlalo “Ungathini Ukuba” (Amazwi engoma )
Sizokudlala “Ungathini ukuba”
Kukho imibuzo kunye neempendulo
Ufuna ukuba yi ncutshe njalo njalo
Naku okumele ukwenze
Ithi Hayi! (Ithi Hayi!)
Ithi Hayi! (Ithi Hayi!)
Ungathini ukuba, ekuphumeni kwes’kolo
Umntu ongamaziyo azame ukugoduka nawe
Kwaye eqhuba imoto ebengezelayo, avele athi kuwe
“Molo, ufuna ndikukhwelise?” Yhuu Hayi, andikwazi! Andikhweli emotweni yakho
Ngoba uMama noTata bathe kum
Ungaze uhambe nomntu ongamaziyo
Ithi Hayi!!
Ithi Hayi!
Ngoku ke
Ungathini ukubausekhaya
Kwaye umgcini wakho ukugcinile
Kwayena azame ukukuchukumisa phantsi kwempahla zakho
Ungenzani?
Ungathi Hayi, mgcini wam
Andifuni undichukumise kulondawo
Ngoba zindawo zam zangasese
Kwaye umzimba wam awungowakho
Ndingathi Hayi!! (Ithi Hayi!)
Vele uthi Hayi!! (Ithi Hayi!)
Sidlala umdlalo “Ungathini ukuba”
Kukho imibuzo kunye neempendulo
Ukuba ufuna ukuba yi ncutshe njalo njalo
Naku okumele ukwenze
Ithi Hayi! (Ithi Hayi!)
Vele uthi Hayi! (Ithi Hayi!)
Ungathini ukuba
Kukho isihlobo okanye isizalwane
Sikuchukumise okanye sikuhlukumeze
Lonto ikwenze ungaziva kamnandi
Ungathini na?
HAYI!
Ungathi HAYI! Ungayenzi lonto
Nangona ndikuthanda Ungandenzi lonto ngoba ndisemncinane
Ndingathi Hayi! (Ithi Hayi!)
Vele uthi Hayi! Ithi Hayi! (Ithi Hayi!)
Ithi HAYI!

Le nkqubo kunye nezingoma zibhalwe kwaye zanikwa ubomi ngu
Chrissy Sykes © 2017
Sponsor Stichting GetOn
Translations by : LOYISO GURA
Voice Over and Songs by @ZoyaSpeaks