top of page

Ingoma Yesihlanu Uthando lunobubele

Ukufundisa abantwana okokuba uthando lulungile yaye lunobubele yaye luquka izinto ezinjengokukhathalelana, ukwabelana nokuthembana.
 

Usenokubacela abantwana Ukuba bazobe umfanekiso wento abathanda ukuyenza nabantu ababathandayo. Thetha nabo ngezinto eziye zibenze bachwayite, izinto abathanda ukuzenza namalungu osapho lwabo.

Abantwana basuka kwiintsapho ezahlukeneyo kwaneendlela abakhuliswe ngazo azifani, kodwa yona imithetho yothando imele ze ifane.
 

Abantwana mabathandwe ngobulali


Mababonelelwe bagcinwe ngcono


Mabatye ukutya ngokwaneleyo


Banxibe impahla ecocekileyo


Makubekho umntu oqinisekisa Ukuba amazinyo abo acocekile kwanokuba bahlanjiwe

 

Iinwele zabo zichazwe kakuhle

Makubekho umntu ozakujongana neengxaki zabo Kubekho umntu ozakubanceda


Umntu obafundela amabali


Umntu wokubonwabisa xa beziva belusizi

Yinto entle ukuthetha ngesi sihloko ebantwaneni. Ukuba babona omnye woogxa babo e klasini, kucaca ukuba udinga unakekelo, abantwana bayakwazi ukuba baye kuxelela umzali okanye utishala khona ukuze ancedwe. Kungakuninzi okufundayo ngabantwana qha xa ungavulela inyoba yonxibelelwano lwentetho ekhululekileyo apho abantwana banokuthetha nawe nangayo nayiphi ingxaki, nokuba incinane kangakanani na.


 

Itekisi ka Cynthie
Masithethe ngothando, kubalulekile ukuthandwa kwaye abantu abalubonisi uthando lwabo kuwe ngokukuvisa

ubuhlungu okanye ukwenza izinto ezikwenza ungaziva kamnandi. Abantu babonisa ukuba bayakuthanda ngokwenza izinto ozithandayo njengo ku- funda iincwadi, ukudlala imidlalo, ukonwaba, ukuthatha uhambo okanye mhlawumbi ukukubonisa ukuba ibhayisekile yakho uyikhwela njani.UThando kukwabelana nokukhathalelana. Abazali bethu kunye nabo abobantu basikhathalelayo bayaqinisekisa ukuba sigcineka kakuhle, bayasondla, basenza ukuba sihlambe amazinyo ethu, kwaye baqinisekise ukuba sineempahla ezicocekileyo zokunxiba, baphinde xa sigula basihambise basise kuGqirha. Kubalulekile ukuba sinonophelwe kakuhle ukuze sikhule sisempilweni, sonwabile kwaye somelele.

UThando Lumnene Amazwi engoma

 

UThando lumnene,
UThando lunobubele
Cula nam uzokufumanisa ukuba
Zininzi izinto ezimnandi esingazenza ukubonisa uthando lwethu
Ungandifundela ibali
Okanye siye phandle sidlale ibhola
Ungandinceda ngebhayisekile yam
Ukuze ndingawi

Zininzi kakhulu izinto
Esingazenza Sisonke
Zininzi kakhulu iindlela
Esingabonisa ngazo siyakhathala
Maninzi kakhulu amaxesha okuxelelana siyathandana
Ukuba unalo ixesha lokwabelana

UThando lumnene, UThando lunobubele

Cula nam uzokufumanisa,
Kumnandi ukwabelana ngezizinto nawe.

Ndingathanda ukwabelana nawe

Itekisi ka Cynthie

Ndiyathemba ukonwabele ukucula nathi kuzo zonke ezingoma, kwaye uyakuzikhumbula zonke izinto ozifundileyo ngomzimba wakho okhethekileyo.

Khumbula ukuthi HAYI! ukuba ubani uzama ukukuphatha kumalungu akho angasese okanye ukuba abantu bazama ukwenza izinto ezikwenza ungaziva kamnandi okanye bayakuhlukumeza.

Khumbula umyalelo othi “Ukuba ayivakali ilungile- Ungayenzi!!” uphinde ukhumbule ukuxelela umntu ukuba uviswa ubuhlungu, okanye uyaphathaphathwa okanye uyahlukunyezwa nangayiphi na indlela, kwaye uqinisekise ukuba uyaqhubeka ukuxela kude kubekho okumamelayo.

Ungaze nakanye unikezele!!

Nihlale nikhuselekile nonke.

 

Khuphela ukufundisa .pdf

Le nkqubo kunye nezingoma zibhalwe kwaye zanikwa ubomi ngu

Chrissy Sykes © 2017


Sponsor Stichting GetOn
Translations by : LOYISO GURA
Voice Over and Songs by @ZoyaSpeaks

 

bottom of page